12 Andimvumeli ukuba abe ngumfundisi; andithandi nokuba aphathe amadoda; hayi, makathi cwaka.
13 Andithi kanene nguAdam owadalwa kuqala, kwaza kwalandela uEfa?
14 AsingoAdam owakhohliswayo, yaba ngumfazi owavuma inkohliso, waza wawa esonweni.
15 Kambe ke wosindiswa ngokuzala ukuba uthi rhoqo ukuhlala elukholweni, nothando, nobungcwalisa, ezinzile ngengqondo.