2 Ngoko ke inkokheli mayibe ngumntu ongenabala; mayibe ngumntu onomfazi omnye, ozinzileyo ngengqondo, oyingcathu; abe ngonocwangco, onobubele ekhaya, okwaziyo ukufundisa;
3 engelilo inxila, okanye ocaphuka msinya, kodwa onobulali, ethanda inzolo; mayingabi ngoyinyolukeleyo imali.
4 Kufuneka ibe ngumntu okwaziyo ukulawula usapho lwakhe, ethotyelwa ngabantwana bakhe, umntu ovunyiweyo ngesimilo.
5 Kaloku umntu owoyiswayo kukulawula usapho lwakhe, angalilawula njani ibandla labantu bakaThixo?
6 Kufuneka ingabi ngumntu osandul' ukuguquka, hleze athiwe lwale likratshi, aze agwetywe njengoSathana.
7 Makabe ngumntu ohlonitshwayo ngabangakholwayo, ukuze angabi sesichengeni sehlazo, eyele kwimigibe kaSathana.
8 Nabo abancedisi mababe ngabantu abasimilo sihle, benyanisekile; bengengawo amanxila okanye izinyolunyolu zemali.