1 UMoya uxela ngokucacileyo ukuba kumaxesha ezayo abanye abantu baya kululahla ukholo, balandele imimoya yenkohliso, bathobele iimfundiso zeendimoni.
2 Ezo mfundiso ziya kuza nabantu abangamaxoki, abazazela ziphawulwe ngophawu lukaSathana.
3 Bayawuchasa umtshato, banqande abantu ekutyeni uhlobo oluthile lokutya. Kambe ke oku kutya kudalwe nguThixo, ekwenzela ukuba kwamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.
4 Kaloku yonke into edalwe nguThixo ilungile. Makungabikho icalulwayo ke, xa yamkelwe ngombulelo.