5 Kuba kaloku ngelizwi likaThixo ndawonye nomthandazo, iyamkeleka loo nto kuThixo.
6 Woba usisicaka esikholekileyo sikaYesu Krestu xa uwanika le mfundiso amakholwa. Nawe wokondleka emoyeni ngamazwi okholo nawemfundiso yenyaniso oyilandelayo.
7 Wena uze uchasele kude lee kwezo ntsomi zifanele ukwenziwa ngamaxhegokazi. Hlala uzilungiselela inkonzo kaThixo.
8 Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.
9 Athembekile la mazwi; afanelwe kukwamkelwa ngokupheleleyo.
10 Ndithetha ukuthi sisebenza nzima nje sibulaleka kungokuba sibeke ithemba kuThixo ophilayo, onguMsindisi walo lonke uluntu, ingakumbi abo bakholwayo.
11 Zigcine, uzibethelele emfundisweni yakho ezi ndawo.