7 Wena uze uchasele kude lee kwezo ntsomi zifanele ukwenziwa ngamaxhegokazi. Hlala uzilungiselela inkonzo kaThixo.
8 Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.
9 Athembekile la mazwi; afanelwe kukwamkelwa ngokupheleleyo.
10 Ndithetha ukuthi sisebenza nzima nje sibulaleka kungokuba sibeke ithemba kuThixo ophilayo, onguMsindisi walo lonke uluntu, ingakumbi abo bakholwayo.
11 Zigcine, uzibethelele emfundisweni yakho ezi ndawo.
12 Musa ukuvuma ukudelwa ngabantu ngenxa yokuba usemncinci. Yiba ngumzekelo kuwo onke amakholwa, ngentetho yakho, ngokuziphatha, ngothando, ngentembeko, nangobunyulu.
13 Hlala ubafundela *iziBhalo, ushumayela, ufundisa, ndide ndifike apho.