15 Kaloku sekukho abanye abahlolokazi abasebekhethe ukulandela uSathana.
16 Ukuba kukho inkosikazi elikholwa enezizalwana ezingabahlolokazi mayizijonge ngokwayo, ingathwalisi ibandla umthwalo, khon' ukuze libe nako ukujonga abo bangenamntu.
17 Abakhokeli abasebenza kakuhle ekuphatheni ibandla mabawongwe babonelelwe ngokwaneleyo; ngakumbi abo babulaleka ziintshumayelo nakukufundisa.
18 Kaloku zithi *iziBhalo: “Sukuyifaka isicheme inkabi ebhulayo.” Ziphinda kwakhona zithi: “Umsebénzi ufanelwe ngumvuzo wakhe.”
19 Isimangalo esenziwa ngomkhokeli uze ungasamkeli ngele kokuba sixhaswa ngamangqina amabini namathathu.
20 Abo bonayo, bangxolise ekuhleni, khon' ukuze nabanye boyike ukona.
21 Ndiyakuyala phambi koThixo, noYesu Krestu, kunye naphambi kwezithunywa zakhe, ukuba uyigcine le mithetho, ungabi namkhethe.