22 Uzungafan' ubeke izandla nayiphi na indoda. Zigcine nyulu, ungazidibanisi nasono samntu.
23 Yeka ukumana usela amanzi odwa; thatha intwana yewayini. Yosilungisa isisu sakho, ungasoloko ukhathazwa yimpilo.
24 Abanye abantu zidlula zingekakhalazelwa izinto ezimbi abazenzayo. Kanti ezabanye zihlala zifihlakele kude kube kudala beqhuba.
25 Ngokukwanjalo ke nezinto ezintle abazenzayo abantu zinokubonakala. Phofu naxa zingabonakali azinako ukufihlakala kuphele.