1 Bonke abantu abaphantsi kwedyokhwe yobucaka mababahloniphe ngokupheleleyo abaphathi babo, ukuze igama likaThixo kunye nemfundiso yobuKrestu zingajongelwa phantsi.
2 Naxa abaphathi bengamakholwa, izicaka mazingabadeli kuba bekholwa kunye. Ndaweni yaloo nto mazithembeke ngakumbi, kuba kaloku abo zibasebenzelayo banye kunye nazo elukholweni naseluthandweni.Shumayela ufundise ngale mibandela.
3 Nabani na ofundisa imfundiso enxamnye nale, okanye ongahambisaniyo neendaba zeNkosi yethu uYesu Krestu, nemfundiso yonqulo olwamkelekileyo,
4 lowo uthiwe lwale likratshi nokungazi. Ungumntu osoloko enxanelwe ukuthetha amazwi alambathayo azala ingxabano nomona, ukungevisisani nokwenyelisa, ukukrokrelana