17 Thina ke, mawethu, sithe sakuba sahlukene nani okomzuzwana – phofu ngembonakalo, hayi ngeentliziyo – sanxuba sinqwenela ukuphinda sinibone.
18 Sazama ukuza apho eTesalonika – ewe, kanye mna Pawulos akukanye ndizama – kodwa uSathana uxabile endleleni.
19 Kaloku ekubuyeni kweNkosi yethu uYesu, xa simi phambi kwayo, asinathemba naluvuyo naqhayiya ngaphandle kwenu!
20 Ewe, ngenene nini nedwa ibhongo novuyo lwethu!