8 Bendinithanda kangangokuba andanelanga nje kukunishumayeza ngeendaba ezimnandi zikaThixo, koko ndazinikela mna siqu ngenxa yenu. Bendinithanda ke khona!
9 Khanikhumbule, mawethu, indlela ebesisebenza nzima ngayo sibulaleka. Besisebenza ubusuku nemini, sisebenzela ukuzixhasa, size singabi ngomthwalo mntwini, lo gama sinishumayezayo ngeendaba ezimnandi zikaThixo.
10 Niyangqina nani, nditsho noThixo ngenkqu ulingqina ngendlela ebendihlala ngayo ndikholekile, ndililungisa, ndingabekwa bala phakathi kwenu makholwa.
11 Niyazi ukuba bendinjengoyihlo kuni nonke ngabanye.
12 Bendinithundeza nakutyhafa, ndiniluleka, ndiniyala ukuba nihlale ngendlela emanelisayo uThixo onibizela ewongeni kulawulo lwakhe.
13 Nasi esinye isizathu esibanga ukuba ndingaphezi ukumbulela uThixo: nathi sakuba siniphathele udaba lukaThixo, nalwamkela. Analwamkela ngokodaba nje lwabantu, koko nalwamkela njengoko lunjalo, lulilizwi likaThixo elisebenzayo kuni nina nikholwayo.
14 Nani mawethu, niphatheke ngohlobo awayephatheke ngalo amabandla akwaJuda, abantu bakaThixo abamanywe noYesu Krestu. Nani nitshutshiswa ngamawenu kanye ngalaa ndlela bona babetshutshiswa ngayo ngamaJuda,