3 ningagungqiswa nto naxa nitshutshiswa. Njengoko nisazi, ezo ntshutshiso zisisabelo sethu kaloku.
4 Ndatsho kuni oko bendiphakathi kwenu ukuthi simelwe kukubuva ubunzima. Kwenzeke kanye loo nto ke ngoku, njengoko nisazi.
5 Ndakungabi nakunyamezela ke ndithumele uTimoti ukuba akhe eze kuqonda ngombandela wokholo lwenu, hleze kuthi kanti unihendile uSathana, ndize mna ndibe ndifane ndabulaleka ndisebenza.
6 Ngoku uTimoti usandul' ukufika evela apho kuni eTesalonika, esiza neendaba ezindonwabisayo, endixelela ngokholo nangothando eninalo. Uthi nisoloko nineengcinga ezintle ngam; yaye uthi nani ninqwenela ukundibona kwanjengokuba ndinqwenela ukunibona nam.
7 Kuzo zonke ke ngoko iinkxwaleko neenzingo zam, ukholo lwenu, mawethu, luyandikhuthaza.
8 Kaloku ikukuphila kum into yokuba nina nihlale nithe zinzi nimanywe neNkosi.
9 Ndingambulela ndithini uThixo ngenxa yenu? Ndingambulela ndithini ngenxa yolonwabo enindenzele lona?