13 Ndithanda ukunicacisela, mawethu, mayela nâbo bangasekhoyo, ukuze ningabi lusizi njengabantu abangenathemba.
14 Kaloku siyakholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka. Ngokukwanjalo ke nâbo bafe bemanywe noYesu uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu.
15 Le nyaniso ndinixelela yona lilizwi leNkosi: Thina baya kuba besaphila ngemini yokubuya kweNkosi asiyi kufumana nto bangayi kuyifumana abo bangasekhoyo.
16 Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa, sivakale nesandi sexilongo likaThixo, ize iNkosi ngokwayo ihle ezulwini. Bothi abo bafa bemanywe noKrestu bavuke kuqala,
17 nathi ke baya kuba besaphila ngelo xesha sixhwilwe sidibane nabo emafini, size sihlangane neNkosi esibhakabhakeni. Ke siya kuhlala neNkosi njalo-njalo.
18 Ngoko ke khuthazanani ngala mazwi.