1 Mawethu, akukho mfuneko yakuba ndinibhalele mayela namaxesha namathuba.
2 Kaloku nazi kakuhle ukuba iMini yeNkosi ifika njengesela eliza ngobusuku.
3 Ngelo xesha akuyi kusinda mntu, kuba lo gama kanye abantu bathi lixolile, bakhuselekile, lifika ngequbuliso ishwangusha kubo, kanye njengentlungu eviwa ngumfazi oza kuzala.
4 Ke nina, mawethu, anihambi emnyameni. Loo mini ke ayimelwe kunifikela ngebhaqo ngokwesela.