1 KwaSirayeli babekho *abashumayeli abaxokayo; ngokunjalo ke naphakathi kwenu baza kubakho abafundisa ubuxoki. Bona baza kunyebelezisa iimfundiso ezidala intshabalalo. Baya kuphika nkqu neNkosi le ibasindisileyo, baze ngokwenjenjalo bazibizele intshabalalo ekhawulezileyo.
2 Baninzi abaya kubalandela kwezo ndlela zabo zokungcola. Yona indlela eyinyaniso baya kuyingcikiva.
3 Ngenxa yokunyoluka kwabo aba bafundisi baya kuniqhatha, khon' ukuze banixhaphaze, bafumane inzuzo. Kodwa ke sona isigwebo abasimisélwa kwantlandlolo sijinga phezu kwabo; umtshabalalisi akalali, ulinde bona.
4 Izithunywa ezathi zôna uThixo akazange abe natarhu kuzo, koko wazithatha waziqamangela ngamatyathanga, waziphosa esithokothokweni sesihogo; apho zihleli khona ngoku, zilinde umhla womgwebo.
5 UThixo akazange alisindise ihlabathi lamandulo, koko wabatshabalalisa ngonogumbe abo bantu bangakhathalele Thixo. Abantu abasindayo nguNowa, umshumayeli wobulungisa, kunye nabanye abasixhenxe.
6 Iidolophu zaseSodom naseGomora uThixo wazigweba wazitshabalalisa; ewe, wazitshisa zaluthuthu, khon' ukuze zibe ngumzekelo kumaxesha azayo, kwabo bangamthobeliyo uThixo.