13 Ewe, isikhuni siya kubuya nomkhwezeli. Ngakwicala leziyolo namanyala bangooncanyelweni. Bayawaxabhela amatheko enu ngokuhlala nani nitye kunye. Kaloku abasenakuzinceda ngobundlobongela nenkohliso.
14 Basoloko becel' amehlo kubafazi abangenazimo. Amehlo abo asoloko elambele ukona. Bayabathiyela bababambise abantu abangaqondiyo. Ukunyoluka ngumkhwa abawaziyo; kambe ke baphantsi kwesiqalekiso!
15 Bayilahlile eyona ndlela, baza bahola. Bona bahamba ngendlela kaBhalam unyana kaBhehore owakhetha ukona, khon' ukuze azuze imali;
16 nto leyo yenza ukuba akhalinyelwe. Ewe, kaloku idonki yathetha ngelizwi lomntu ukugxotha ububhanxa baloo mshumayeli.
17 Aba bafundisi bafana nemithombo engampompozi manzi; bafana namafu aqhutywa luqhwithela. Indawo abalungiselelwe yona sisithokothoko senzonzobila.
18 Banamabhongo, futhi bathetha amazwi aphuthileyo, baze bathi ngemikhuba yabo yokuzibhubhisa beyelisele abantu abangekaphuncuki kakuhle kwiindlela ezigwenxa.
19 Babathembisa inkululeko, kodwa bona ngokwabo basabopheleleke kwimikhwa yokuzibhubhisa. Kaloku umntu uba likhoboka layo nayiphi na into angalumlekiyo kuyo.