3 Ngenxa yokunyoluka kwabo aba bafundisi baya kuniqhatha, khon' ukuze banixhaphaze, bafumane inzuzo. Kodwa ke sona isigwebo abasimisélwa kwantlandlolo sijinga phezu kwabo; umtshabalalisi akalali, ulinde bona.
4 Izithunywa ezathi zôna uThixo akazange abe natarhu kuzo, koko wazithatha waziqamangela ngamatyathanga, waziphosa esithokothokweni sesihogo; apho zihleli khona ngoku, zilinde umhla womgwebo.
5 UThixo akazange alisindise ihlabathi lamandulo, koko wabatshabalalisa ngonogumbe abo bantu bangakhathalele Thixo. Abantu abasindayo nguNowa, umshumayeli wobulungisa, kunye nabanye abasixhenxe.
6 Iidolophu zaseSodom naseGomora uThixo wazigweba wazitshabalalisa; ewe, wazitshisa zaluthuthu, khon' ukuze zibe ngumzekelo kumaxesha azayo, kwabo bangamthobeliyo uThixo.
7-8 Kambe ke wamsindisa uLothe indoda eyayinembeko. Kaloku elo lunga lomfo lalingonwabanga phakathi kwabo bantu bangakhathalele mthetho, bengaloyiki nehlazo. Ewe, amanyundululu awayewabona, eweva mihla le, ayemngcungcuthekisa.
9 Kodwa ke iNkosi iyabahlangula ezilingweni abantu abayithobelayo. Ke bona abangayithobeliyo ibagcinele ukubohlwaya ngomhla womgwebo;
10 ngakumbi ke abo baqweqwediswa ziinkanuko zokungcola, bedela noomagunya.Aba bafundisi ngoodelihlazo abakhukhumeleyo; abanambeko, futhi bayazingcikiva nezithwala-ndwe zaphezulu.