5 UThixo akazange alisindise ihlabathi lamandulo, koko wabatshabalalisa ngonogumbe abo bantu bangakhathalele Thixo. Abantu abasindayo nguNowa, umshumayeli wobulungisa, kunye nabanye abasixhenxe.
6 Iidolophu zaseSodom naseGomora uThixo wazigweba wazitshabalalisa; ewe, wazitshisa zaluthuthu, khon' ukuze zibe ngumzekelo kumaxesha azayo, kwabo bangamthobeliyo uThixo.
7-8 Kambe ke wamsindisa uLothe indoda eyayinembeko. Kaloku elo lunga lomfo lalingonwabanga phakathi kwabo bantu bangakhathalele mthetho, bengaloyiki nehlazo. Ewe, amanyundululu awayewabona, eweva mihla le, ayemngcungcuthekisa.
9 Kodwa ke iNkosi iyabahlangula ezilingweni abantu abayithobelayo. Ke bona abangayithobeliyo ibagcinele ukubohlwaya ngomhla womgwebo;
10 ngakumbi ke abo baqweqwediswa ziinkanuko zokungcola, bedela noomagunya.Aba bafundisi ngoodelihlazo abakhukhumeleyo; abanambeko, futhi bayazingcikiva nezithwala-ndwe zaphezulu.
11 Kanti ke nezithunywa zezulu nakuba zingaphezulu nje kubo ngamandla namagunya, azibenyelisi xa zibamangalela eNkosini.
12 Aba bantu bafana nezilwanyana zasendle, zona zizalwa zibe ngoomabonwabulawe. Bayazenyelisa izinto abangaziqondiyo. Nabo baya kutshabalala njengezilwanyana.