10 Ke yona iMini yeNkosi iya kufika njengesela ingalindelekanga. Ngaloo mini amazulu aya kutsho ngenzwinini yengxolo, aze ke wona aphel' emehlweni. Ngokunjalo neziseko zawo ziya kutshiswa ngumlilo ziphele. Wona umhlaba nako konke okukuwo kuya kusala kuze; uya kunyamalala.
11 Xa ke eli phakade liza kutshabalala kanje, ngaba kufuneka nithini nina? Kufuneka nizinikele ngokupheleleyo, niphile ubomi obunyulu.
12 Kufuneka nenze unako-nako, nilangazelela ukuba ikhawuleze imini kaThixo. Ewe, loo mini iya kuwalenya ngomlilo amazulu atshabalale; ngokunjalo neziseko zawo ziya kunyibilika.
13 Kambe ke thina silindele isithembiso sikaThixo, samazulu nehlabathi elitsha, apho kuya kulawula ucwangco.
14 Zihlobo zam, njengoko ke nisajong' enkalweni kweli dinga, hlalani nilungelelene noThixo; ningenabala, ningakhalazeleki nganto kuye.
15 Qondani kakuhle ukuba umonde weNkosi ufezekisa usindiso lwenu. Andithi kaloku nowethu othandekayo uPawulos utsho kwiincwadi zakhe azibhala phantsi kwefuthe nobulumko bukaThixo!
16 Kambe ke unjalo kakade xa ethetha ngale nyewe. Phofu ke kukho iindawo ezinzima ezincwadini zakhe. Ke zona izityhakala nabathandabuzi bazitolika gwenxa, njengoko besenza kakade *eziBhalweni. Ngokwenjenjalo ke bazibizela intshabalalo.