3 Kufanelekile ukuba simbulele uThixo ngawo onke amaxesha ngenxa yenu, mawethu. Ewe, kulunge kanye ukuba simbulele ngenxa yokuba ukholo lwenu luya lusanda ngokwanda. Yaye nokuthandana kwenu kuya kukhula ngakumbi nangakumbi.
4 Yiyo loo nto ke nilibhongo lethu esihamba siqhayisa ngalo kwamanye amabandla kaThixo. Kaloku nina ninomonde, nimi ngxishi elukholweni naphantsi kweentshutshiso enikuzo, kwakunye neenzingo enizithweleyo.
5 Yonke ke loo nto ibonakalisa ukuba uThixo ugweba kakuhle. Kaloku ngenxa yezi nkxwaleko nizithweleyo uThixo uya kunenza nikufanele ukulawulwa nguye.
6 Kulunge kanye ukuba uThixo asiphindezelele, abavise iinzingo abo banicinezelayo,
7 aze kuni nina nitsala nzima, nakuthi, enze kube hele, kube chosi. Loo nto woyenza mhla ifika iNkosi yethu uYesu Krestu, ivela emazulwini, ingqongwe zizithunywa zayo ezinamandla,
8 nangamadangatye omlilo. Abo bangamvumiyo uThixo yobagweba, kwanabo bangazithobeliyo iindaba ezimnandi zeNkosi yethu uYesu.
9 Baya kohlwaywa ngentshabalalo yangonaphakade, basuswe phambi kweNkosi, basikwe kubuncwane bewonga layo.