4 Yiyo loo nto ke nilibhongo lethu esihamba siqhayisa ngalo kwamanye amabandla kaThixo. Kaloku nina ninomonde, nimi ngxishi elukholweni naphantsi kweentshutshiso enikuzo, kwakunye neenzingo enizithweleyo.
5 Yonke ke loo nto ibonakalisa ukuba uThixo ugweba kakuhle. Kaloku ngenxa yezi nkxwaleko nizithweleyo uThixo uya kunenza nikufanele ukulawulwa nguye.
6 Kulunge kanye ukuba uThixo asiphindezelele, abavise iinzingo abo banicinezelayo,
7 aze kuni nina nitsala nzima, nakuthi, enze kube hele, kube chosi. Loo nto woyenza mhla ifika iNkosi yethu uYesu Krestu, ivela emazulwini, ingqongwe zizithunywa zayo ezinamandla,
8 nangamadangatye omlilo. Abo bangamvumiyo uThixo yobagweba, kwanabo bangazithobeliyo iindaba ezimnandi zeNkosi yethu uYesu.
9 Baya kohlwaywa ngentshabalalo yangonaphakade, basuswe phambi kweNkosi, basikwe kubuncwane bewonga layo.
10 Kaloku ngaloo mini iya kuba ize kunikwa imbeko ngabayo, bayinqule bonke abakholwayo. Iya kuba njalo ke nakuni, kuba nani nakholwa ludaba endaniphathela lona.