4 Ulolona tshaba kaloku. Yena uya kuziphakamisa achase nantoni na ekuthiwa nguthixo, achase nantoni na enqulwa ngabantu, ade athathe isihlalo endlwini kaThixo, ezigwagwisa ngokuthi unguThixo ngenkqu.
5 Ngaba senilibele? Kaloku ndandinixelele yonke le nto ngokuya ndandilapho.
6 Ngokunjalo nani niyayiqonda into embambileyo ukuba angaveli phambi kwexesha elimisiweyo.
7 Kuba selekho kambe amandla enkohlakalo asebenza ngokufihlakeleyo. Ewe, asebenza ngokufihlakeleyo okwangoku, elinde ukuba ade emke lowo umbambezeleyo.
8 Uya kuthi ke akuvela loo mchasi-mthetho, iNkosi uYesu imbulale ngelizwi layo nje kuphela, imtshabalalise ngobumenyemenye bobungangamsha bokufika kwayo.
9 Ukufika kwalo mchasi-mthetho ngumsebenzi kaSathana; yaye uya kuphelekwa yimisebenzi yamandla nemiqondiso nemimangaliso yenkohliso,
10 kubekho zonke iintlobo zolahlekiso ezinokwenziwa bububi kwabo baya kwantshabalalo. Ewe, baya kutshabalala, kuba kaloku bona abalwamkelanga uthando lukaKrestu nenyaniso yakhe, ukuze basindiswe.