8 Uya kuthi ke akuvela loo mchasi-mthetho, iNkosi uYesu imbulale ngelizwi layo nje kuphela, imtshabalalise ngobumenyemenye bobungangamsha bokufika kwayo.
9 Ukufika kwalo mchasi-mthetho ngumsebenzi kaSathana; yaye uya kuphelekwa yimisebenzi yamandla nemiqondiso nemimangaliso yenkohliso,
10 kubekho zonke iintlobo zolahlekiso ezinokwenziwa bububi kwabo baya kwantshabalalo. Ewe, baya kutshabalala, kuba kaloku bona abalwamkelanga uthando lukaKrestu nenyaniso yakhe, ukuze basindiswe.
11 Ngoko ke uThixo ubayekele ngolahlekiso olusebenza kubo, ukuze bamkele ubuxoki.
12 Ngenxa yale nto ke bonke abangayamkelanga inyaniso, abasuke bavuyela ukuxhamla isono, baya kugwetywa.
13 Sifanele ukuba simbulele uThixo singaphezi ngenxa yenu, mawethu athandiweyo yiNkosi. Kuba kaloku uThixo waninyula kwasekuqaleni ukuze nisindiswe ngokwenziwa nyulu nguMoya wakhe, nangokukholwa kuyo inyaniso.
14 UThixo wanibiza ngeendaba ezimnandi esazishumayelayo kuni; wanibiza ukuze nifumane isabelo kubuqaqawuli beNkosi yethu uYesu Krestu.