1 Ke kaloku amaFilisti alwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa engxwelerhiwe ezintabeni zaseGilibhowa.
2 AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe. AmaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.
3 Yanzima imfazwe kuSawule. Bamfumana abatoli, wathuthumela ngenxa yabatoli.
4 Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze beze aba bangalukileyo, bafekethe ngam. Àkavuma umphathi weentonga zakhe, ngokuba ubesoyika kakhulu. Walithabatha uSawule ikrele, waziwisa phezu kwalo.
5 Uthe umphathi weentonga zakhe, akubona ukuba ufile uSawule, waziwisa naye phezu kwekrele lakhe, wafa.
6 Wafa ke uSawule, noonyana bakhe abathathu, nendlu yakhe yonke; bafa kunye.