28 Zonke izinto abezingcwalisile uSamuweli imboni, noSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noYowabhi unyana kaTseruya, zonke izinto abezingcwalisile nabani, zaba phantsi kwesandla sikaShelomoti nabazalwana bakhe.
29 KumaItsare, uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi wangaphandle kwaSirayeli, wababhali nabagwebi.
30 KumaHebron, uHashabhiya nabazalwana bakhe, amakroti aliwaka elinamakhulu asixhenxe, babephethe umsebenzi wokuvelela amaSirayeli anganeno kweYordan ngasentshonalanga, emsebenzini wonke kaYehova, nasenkonzweni yokumkani.
31 KumaHebron uYeriya ebeyintloko (kumaHebron ngokweenzalo zawo ngokooyise. Ngomnyaka wamashumi omané wobukumkani bukaDavide, kwafunwa, kwafunyanwa kuwo amagorha anabukortie Yazere yaseGiliyadi).
32 Nabazalwana bakhe, amakroti angamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, ooyise bezindlu, uDavide ukumkani wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ezintweni zonke zikaThixo, nasezintweni zokumkani.