23 Ngomnyaka wamashumi amathathu anamnye ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uOmri waba ngukumkani wamaSirayeli, iminyaka yaba lishumi elinamibini; waba ngukumkani eTirtsa iminyaka emithandathu.
24 Waza wathenga intaba yakwaSamari kuSamari ngeetalente ezimbini zesilivere, wákha kuloo ntaba, wathi igama laloo mzi wawakhayo yiSamari, ngegama likaSamari umninintaba.
25 UOmri wenza okubi emehlweni kaYehova; wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwakhe.
26 Wahamba ngendlela yonke kaYarobheham unyana kaNebhati, nangezono zakhe awawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngezinto zabo ezingento.
27 Ezinye izinto zikaOmri awazenzayo, nobugorha bakhe awabenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
28 UOmri walala kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari, uAhabhi unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
29 UAhabhi, unyana kaOmri, waba ngukumkani kumaSirayeli ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; uAhabhi unyana kaOmri waba neminyaka emashumi mabini anamibini engukumkani kumaSirayeli kwaSamari.