39 Babona bonke abantu, bawa ngobuso, bathi, UYehova nguye uThixo, uYehova nguye uThixo.
40 Wathi uEliya kubo, Babambeni abaprofeti bakaBhahali; makungasindi namnye kubo. Bababamba ke; uEliya wabahlisela emlanjaneni oyiKishon, wababulalela khona.
41 Wathi uEliya kuAhabhi, Nyuka uye kudla, usele; ngokuba kuvakala ulwandile lwemvula enkulu.
42 Wenyuka ke uAhabhi, waya kudla, waya kusela.Ke uEliya wenyuka waya encotsheni yeKarmele, waqondela emhlabeni, wabufaka ubuso bakhe phakathi kwamadolo akhe.
43 Wathi kwindodana yakwakhe, Khawunyuke, ukhangele ngeli cala laselwandle. Yenyuka, yakhangela, yathi, Akukho nto. Wathi, Buya uye, izihlandlo zibe sixhenxe.
44 Kwathi ke ngesesixhenxe, yathi, Ndibona ilifana elingangesandla somntu, liphuma elwandle. Wathi, Nyuka uye uthi kuAhabhi, Bopha, uhle, ingakuvingceli imvula.
45 Kwathi ke kwakamsinya lasuka izulu lamnyama ngamafu nomoya; kwabakho imvula enkulu. Wakhwela uAhabhi, waya eYizereli.