14 Wathi, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndisele ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.
15 Wathi uYehova kuye, Hamba ubuye ngendlela yakho, uye entlango yaseDamasko, uye uthambise uHazayeli, abe ngukumkani kuma-Aram;*
16 uthambise uYehu, unyana kaNimshi, abe ngukumkani kumaSirayeli; uthambise uElisha, unyana kaShafati waseAbhelemehola, abe ngumprofeti esikhundleni sakho.
17 Kothi ke, athi osinde ekreleni likaHazayeli, abulawe nguYehu; athi osinde ekreleni likaYehu, abulawe nguElisha.
18 Ke ndozishiyela kwaSirayeli isixhenxe samawaka, amadolo onke angaguqanga kuBhahali,* imilomo yonke engamanganga.
19 Wemka ke apho, wafumana uElisha, unyana kaShafati, elima; kukho ishumi elinesibini leedyokhwe phambi kwakhe; yena ke elunge neyeshumi elinesibini. UEliya wegqitha kuye, waphosa ingubo yakhe enkulu kuye.
20 Wazishiya iinkabi, wabaleka emva koEliya, wathi, Makhe ndiye kwanga ubawo noma, ndikulandele ke. Wathi kuye, Hamba ubuye; ndikwenzé ntoni na?