5 UYehova wabonakala kuSolomon eGibheyon apho ngephupha ebusuku, wathi uThixo, Cela into, ndikuphe.
6 Wathi uSolomon, Wena wenza inceba enkulu kumkhonzi wakho uDavide ubawo, njengoko abehamba phambi kwakho enyanisweni, nasebulungiseni, nangokuthi tye kwentliziyo kuwe, wamgcinela le nceba inkulu, wamnika unyana ohleli etroneni yakhe, njengokuba kunjalo namhla.
7 Kaloku, Yehova Thixo wam, wena umenzé umkhonzi wakho lo wangukumkani esikhundleni sikaDavide ubawo; ndingumntwana omncinane; andikwazi ukuphuma nokungena.
8 Umkhonzi wakho lo uphakathi kwabantu bakho obanyulileyo, abantu abaninzi, abangenakubalwa, abangenakuxelwa ukuba baninzi.
9 Mnike umkhonzi wakho intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule phakathi kokulungileyo nokungendawo; ngokuba ngubani na onako ukubalawula abantu bakho aba bangaka?
10 Lalunga elo lizwi emehlweni eNkosi ukuba uSolomon acele loo nto.
11 Wathi ke uThixo kuye, Ngenxa enokuba ucelé le nto, akwazicelela imihla emininzi, akwazicelela ubutyebi, akwazicelela ubomi beentshaba zakho, wazicelela ukuqonda ukuba uwathethe amatyala: uya bona, ndenzé ngokwelizwi lakho.