26 Wathi uSamuweli kuSawule, Andiyi kubuya nawe; ngokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye uYehova ukucekisile, ukuba ungabi kumkani kumaSirayeli.
27 Wathi akuthi guququ uSamuweli ukuba emke, wabamba isondo lengubo yakhe yokwaleka, lakrazuka.
28 Wathi uSamuweli kuye, UYehova ukukrazule kuwe namhla ubukumkani bakwaSirayeli, wabunika ummelwane wakho olungileyo kunawe.
29 Kananjalo uQele-likaSirayeli akaxoki, akazohlwayi; ngokuba akangumntu ukuba azohlwaye.
30 Wathi yena, Ndonile; wòsewundizukisa phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu, naphambi kwamaSirayeli, ubuye nam, ndimnqule uYehova, uThixo wakho.
31 Wabuya ke uSamuweli, walandela uSawule; uSawule wamnqula uYehova.
32 Wathi uSamuweli, Mziseni apha kum uAgagi, ukumkani wama-Amaleki. Waya uAgagi kuye echwayithile. Wathi uAgagi, Inene, bugqithile ubukrakra bokufa.