21 UYehova wamvelela uHana; wamitha, wazala oonyana abathathu, neentombi ezimbini. Yakhula inkwenkwe enguSamuweli ikuYehova.
22 Ke kaloku uEli ubeselemdala kakhulu; wayiva yonke into ababeyenza oonyana bakhe kumaSirayeli onke, kwanokuba babelala nabafazi ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.
23 Wathi kubo, Yini na ukuba nenze izinto ezinjengezi? Kuba izenzo zenu ezibi ndiziva ngaba bantu bonke.
24 Hayi, nyana bam; ngokuba asiludaba luhle olu ndiluvayo mna; nibanga ukuba abantu bakaYehova bagqithise.
25 Ukuba umntu uthe wona umntu, uThixo uyamlamlela; ke ukuba umntu uthe wona kuYehova, ngubani na oya kumlamlela? Àbaliphulaphula izwi likayise; kuba uYehova ubefuna ukubabulala.
26 Ke inkwenkwe, uSamuweli, yaya ikhula ngokukhula, ithandeka kuYehova nakubantu.
27 Kweza umntu kaThixo kuEli, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Kanene ndazityhila na kwindlu kayihlo, beseYiputa endlwini kaFaro?