1 Wabaleka uDavide eNayoti ngaseRama, weza, wathi phambi koYonatan, Ndenzé ntoni na? Buyini na ubugwenxa bam? Síyini na isono sam phambi koyihlo, ukuba angxamele umphefumlo wam nje?
2 Wathi yena kuye, Makube lee oko; akuyi kufa. Uyabona, ubawo akenzi nenkulu into, nencinane into, angayityhileli indlebe yam; ubawo uyifihleleni na ke le nto kum? Akunjalo.
3 Wafunga phezu koko uDavide, wathi, Uyihlo uyazi kakuhle ukuba ùndibabale; ùthi, Makangakwazi oku uYonatan, hleze abe buhlungu. Inene, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, ngathi sisithuba esinye sokunyathela esiphakathi kwam nokufa.
4 Wathi uYonatan kuDavide, Into oyithethayo umphefumlo wakho, ndiya kuyenza.
5 Wathi uDavide kuYonatan, Uyabona, iya kuthwasa inyanga ngomso; ndifanele ukuhlala nokumkani, ndidle; ndíndulule, ndiye kuzifihla endle, kude kuhlwe ngosuku lwesithathu.
6 Ukuba uyihlo uthe wandifuna, wòthi wena, Úcele kum wandibongoza uDavide, ukuba agidime aye eBhetelehem emzini wakowabo; ngokuba kukho umbingelelo weminyaka ngeminyaka apho, owenzelwa umzi wonke wakowabo.
7 Ukuba uyihlo uthe, Kulungile: koba kuluxolo kumkhonzi wakho. Ke ukuba uthe wavutha kakhulu ngumsindo, yazi ukuba úgqibe kwelobubi.