4 Waphinda uDavide, wabuza kuYehova kanjalo. Wamphendula uYehova, wathi, Suka uhle, uye eKehila; ngokuba ndiya kuwanikela amaFilisti esandleni sakho.
5 Waya ke uDavide namadoda akwakhe eKehila, walwa namaFilisti, wayiqhuba imfuyo yawo, wawabulala kakhulu. Wabasindisa ke uDavide abemi beKehila.
6 Kwathi, ekubalekeni kuka-Abhiyatare, unyana ka-Ahimeleki, kuDavide eKehila, wehla ene-efodi* esandleni sakhe.
7 Kwaxelwa kuSawule, ukuba uDavide ufikile eKehila. Wathi uSawule, UThixo umlahlele esandleni sam; ngokuba uzivalele ngokungena emzini oneengcango nemivalo.
8 USawule wababizela ndawonye emfazweni bonke abantu, ukuba behle baye eKehila, bangqinge uDavide namadoda akhe.
9 Wazi uDavide ukuba uSawule umenzela ububi, wathi kuAbhiyatare umbingeleli, Zisa iefodi leyo.
10 Wathi uDavide, Yehova, Thixo kaSirayeli, úvile ngenene umkhonzi wakho, ukuba uSawule ufuna ukuza eKehila, ukuba awonakalise lo mzi ngenxa yam.