1 Ke uYehoshafati ube enobutyebi nozuko ngokukhulu, wazekelana noAhabhi.
2 Wehla ekupheleni kweminyaka ethile, waya kuAhabhi kwaSamari. UAhabhi wamxhelela impahla emfutshane neenkomo ezininzi, waxhelela nabantu abenabo, wamcenga ukuba anyuke naye aye eRamoti yaseGiliyadi.
3 Wathi uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati ukumkani wakwaYuda, Wòhamba na nam, siye kulwa neRamoti yaseGiliyadi? Wathi kuye, Ndinjengawe, abantu bam banjengabantu bakho; soya nawe ekulweni.
4 Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuzise elanamhla ilizwi likaYehova.
5 Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, amakhulu amané amadoda, wathi kubo, Siye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka, uThixo wóyinikela esandleni sokumkani.
6 Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?