5 Indlu endiyakhayo inkulu; ngokuba mkhulu uThixo wethu koothixo bonke.
6 Ngubani na onamandla okumakhela indlu; ngokuba izulu, nezulu lawo amazulu, alimlingene? Ndingubani na ke mna, ukuba ndimakhele indlu, ingába yeyokuqhumisela phambi kwakhe kodwa?
7 Ndíthumele ke ngoko indoda enobugcisa ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangemisonto emfusa nebomvu nemsi, ekwaziyo ukukrola ndawonye nabalumkileyo abakum kwaYuda naseYerusalem, abalungiswáyo nguDavide ubawo.
8 Ndíthumele nemisedare, nemisipres,* nemialgumi,* evela eLebhanon; ngokuba ndiyazi mna ukuba abakhonzi bakho bayakwazi ukugawula imithi eLebhanon.
9 Yabona abakhonzi bam bohamba nabakhonzi bakho, bandilungisele imithi emininzi; ngokuba indlu endiyakhayo inkulu ngokubalulekileyo.
10 Yabona ábaqingqi abo nabasebenzi bemithi, ábakhonzi bakho abo, ndobanika ingqolowa ukuba ibe kukudla, iikore* ezingamawaka angamashumi mabini, nerhasi iikore ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate* zewayini ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate zeoli ezingamawaka angamashumi mabini.
11 UHiram ukumkani waseTire wathumela kuSolomon ngokubhala, wathi, UYehova, ngokubathanda kwakhe abantu bakhe, ukumisile ukuba ube ngukumkani kubo.