18 Wathoba uYehoshafati, ebubhekise ubuso emhlabeni; namaYuda onke nabemi baseYerusalem bawa phambi koYehova, bamnqula uYehova.
19 Basuka bema abaLevi, bakoonyana bakaKehati, nabakoonyana bamaKora, ukuba badumise uYehova, uThixo kaSirayeli, ngezwi elikhulu kunene.
20 Bavuka kusasa ngengomso, baphuma baya entlango yeTekowa. Ekuphumeni kwabo wema uYehoshafati, wathi, Ndiphulaphuleni, nina maYuda, nani bemi baseYerusalem. Kholwani kuYehova uThixo wenu, nòzimaseka; kholwani kubaprofeti bakhe, noba nempumelelo.
21 Uthe akucebisana nabantu, wamisa iimvumi zikaYehvoa zokudumisa, zivethe ezingcwele, eziya kuphuma zihambe phambi kwabaxhobileyo, zisithi, bulelani kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
22 Bathe bakuqala ukumemelela nokudumisa, uYehova wabafikisela abalaleli oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, ababezé kumaYuda; babulawa.
23 Ngokuba oonyana baka-Amon nabakaMowabhi besuka balwa nabemi bentaba yakwaSehire, ukuba babasingele phantsi, babatshabalalise. Bakubagqiba abemi bakwaSehire, babulalana kwabodwa.
24 Afika amaYuda emboniselweni yasentlango, akhangela kuloo ngxokolo, abóna bezizidumbu, bequngqululzile emhlabeni, kungekho usindileyo.