4 Yiyo le into eniya kuyenza; esinye isahlulo sesithathu kuni bangenayo ngesabatha, kubabingeleli nakubaLevi, sóba ngabagcini bamasango;
5 esinye isahlulo sesithathu sóba sendlwini yokumkani; esinye isahlulo sesithathu sóba seSangweni lesiSeko; abantu bonke boba sezintendelezweni zendlu kaYehova.
6 Ize kungangeni bani endlwini kaYehova, ngaphandle kwababingeleli nabalungiseleli bakubaLevi; bona baya kungena ngokuba bangcwele; bonke abantu bazigcine izigxina zikaYehova.
7 AbaLevi bomngqonga ukumkani ngeenxa zonke, elowo ephethe iintonga zakhe ngesandla; ongowumbi ongénayo endlwini makabulawe; babe nokumkani ekungeneni kwakhe nasekuphumeni kwakhe.
8 Benza ke abaLevi namaYuda onke njengako konke awabawisela umthetho ngako uYehoyada umbingeleli. Bathabatha elowo amadoda akhe, abengena ngesabatha nabephuma ngesabatha; ngokuba uYehoyada umbingeleli akawandululanga amaqela lawo.
9 UYehoyada umbingeleli wabanika abathethelimakhulu iintshuntshe, neengweletshetshe, namakhaka, abengakakumkani uDavide, abesendlwini kaThixo.
10 Wabamisa bonke abantu, elowo eneentonga zakhe esandleni; bathabathela kwelokunene igxalaba lendlu besa kwelokhohlo igxalaba lendlu, ngasesibingelelweni nangasendlwini, kukumkani ngeenxa zonke.