9 Apho ke bekukho umprofeti kaYehova, ogama linguOdede. Waphuma waya kukhawulela umkhosi owawusiza kwaSamari, wathi kubo, Yabonani, ngenxa yobushushu bukaYehova, uThixo wooyihlo, obukumaYuda, úwanikele ezandleni zenu; nibabuléle ke ngomsindo ode waya kufikelela emazulwini.
10 Kaloku ke oonyana bakwaYuda neYerusalem, nithe nina niya kubanyathela, babe ngamakhoboka namakhobokazana kuni. Kodwa nina aninatyala na kuYehova uThixo wenu?
11 Ndiphulaphuleni ngoko, nibabuyise abathinjwa, enabathimba kubazalwana benu; ngokuba ukuvutha komsindo kukaYehova kuphezu kwenu.
12 Kwesuka ke amadoda akwiintloko zoonyana bakaEfrayim, ooAzariya unyana kaYohanan, noBherekiya unyana kaMeshilemoti, noHezekiya unyana kaShalum, noAmasa unyana kaHadelayi, ema phambi kwabavela emkhosini;
13 athi kubo, Ningàbazisi apha abathinjwa, ukuze sibe netyala kuYehova; nifuna ukongeza esonweni sethu nasetyaleni lethu; ngokuba, inene, likhulu ityala lethu, nokuvutha komsindo kuphezu kwamaSirayeli.
14 Abaxhobileyo babashiya ke abathinjwa namaxhoba phambi kwabathetheli nebandla lonke.
15 Asuka ke amadoda akhankanywe ngamagama, abathabatha abathinjwa, abambathisa bonke ababezé phakathi kwabo ngamaxhoba, abambathisa, abanxiba iimbadada, abadlisa, abaseza, abathambisa, abathundeza ngamaesile bonke abatyhafileyo, abása eYeriko, kumzi wamasundu, kubazalwana babo; wona abuya aya kwaSamari.