6 Ngokuba oobawo benza ubumenemene, benza okubi emehlweni kaYehova uThixo wethu, bamshiya, babusonga ubuso babo emnqubeni kaYehova, bawunikela ikhosi;
7 kananjalo bazivala iingcango zevaranda,* bazicima izibane, àbaqhumisela ngesiqhumiso, àbawanyusa amadini anyukayo engcweleni kuThixo kaSirayeli.
8 Ngoko ke àfikelwa amaYuda neYerusalem buburhalarhume bukaYehova, wawanikela aba yinto yokufeketha, neyokumangalisa, neyomsondlo, njengoko nikubonayo ngamehlo enu.
9 Yabona, bawile oobawo likrele; oonyana bethu neentombi zethu nabafazi bethu basekuthinjweni ngenxa yoko.
10 Ngoku ke kusentliziyweni yam ukumenzela umnqophiso uYehova uThixo kaSirayeli, kubuye kúthi ukuvutha komsindo wakhe.
11 Nyana bam, kungokunje musani ukuhiliza; ngokuba uYehova uninyule, ukuze nime phambi kwakhe, nilungiselele kuye, nibe ngabalungiseleli nabaqhumiseli kuye.
12 Basuka ke abaLevi, ooMahati unyana ka-Amasayi, noYoweli unyana ka-Azariya, koonyana bamaKohati; nakoonyana bakaMerari, uKishe unyana ka-Abhedi, noAzariya unyana kaYehaleleli; nakumaGershon, uYowa unyana kaZima, noEden unyana kaYowa;