7 Kwathi, yakufika kubo le ncwadi, babathabatha oonyana bokumkani, babasika bengamadoda angamashumi asixhenxe, bazibeka iintloko zabo ezingobozini, bazithumela kuye eYizereli.
8 Wafika umthunywa, wamxelela, wathi, Bazizisile iintloko zoonyana bokumkani. Wathi, Zibekeni zibe ziimfumba ezimbini ngaphandle kwesango kude kuse.
9 Kwathi kusasa waphuma, wema, wathi kubantu bonke, Ningamalungisa; yabonani, mna ndaceba inkosi yam, ndayibulala; ngubani na ke lo uxabele bonke aba?
10 Yazini ke ngoku, ukuba akuyi kuwa phantsi nento yelizwi likaYehova, awalithethayo uYehova ngendlu ka-Ahabhi. UYehova ukwenzile ke oko wakuthethayo ngomkhonzi wakhe uEliya.
11 UYehu wababulala bonke abaseleyo bendlu ka-Ahabhi eYizereli, nezikhulu zakhe zonke, nabazana naye, nababingeleli bakhe, kwada akwasala kuye namnye usindileyo.
12 Wesuka wemka, waya kwaSamari; kwathi, uYehu lowo esendlwini yokucheba yabalusi, endleleni,
13 wafumanana nabazalwana baka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, wathi, Ningoobani na nina? Bathi, Singabazalwana baka-Ahaziya; siyehla, siya kubulisa oonyana bokumkani noonyana benkosikazi.