19 KwanamaYuda akayigcinanga imithetho kaYehova uThixo wawo; ahamba ngemimiselo yamaSirayeli abeyenzile.
20 Wayilahla ke uYehova yonke imbewu yakwaSirayeli, wabacinezela, wabanikela esandleni sabaphangi, wada wabagxotha ebusweni bakhe.
21 Ngokuba wawakrazula amaSirayeli endlwini kaDavide; aza amenza ukumkani uYarobheham unyana kaNebhati. UYarobheham wawawexula amaSirayeli ekumlandeleni uYehova, wawonisa ngesono esikhulu.
22 Bahamba oonyana bakaSirayeli ezonweni zonke zikaYarobheham awazenzayo àbatyeka kuzo,
23 wada uYehova wawasusa amaSirayeli ebusweni bakhe, njengoko wakuthethayo ngabakhonzi bakhe bonke, abaprofeti. Afuduswa ke amaSirayeli emhlabeni wawo, asiwa eAsiriya, unanamhla.
24 Ke kaloku ukumkani waseAsiriya wazisa abantu, bevela eBhabheli, naseKuta, naseAva, naseHamati, naseSefarvayim, wababeka emizini yakwaSamari, esikhundleni soonyana bakaSirayeli. Balihlutha elakwaSamari, bahlala emizini yalo.
25 Kwathi ekuqaleni kokuma kwabo khona, àbamoyika uYehova; uYehova wathuma iingonyama phakathi kwabo; zaya zibulala phakathi kwabo.