4 Wathi uEliya kuye, Elisha, khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithumé eYeriko. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bangena ke eYeriko.
5 Beza oonyana babaprofeti ababeseYeriko kuElisha, bathi kuye, Ùyazi na kodwa ukuba namhla úyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.
6 Wathi uEliya kuye, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithumé eYordan. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe.
7 Bahamba ke bobabini. Kwahamba amadoda amashumi mahlanu koonyana babaprofeti, afika ema mgama malunga nabo. Bona bema bobabini ngaseYordan.
8 UEliya wayithabatha ingubo yakhe enkulu, wayisonga, wabetha ngayo emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; bawela bobabini komile.
9 Kwathi, xa bawelileyo, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwènzele, ndingekasuswa kuwe. Wathi uElisha, Mandizuze izahlulo ezibini zomoya wakho.
10 Wathi, Ùcele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo.