40 Bawaphakela amadoda ukuba adle. Kwathi, xa akudlayo oko kudla, akhala wona, athi, Mfo wakwaThixo, kukho ukufa embizeni le.
41 Akaba nako ukukudla. Wathi, Yizani nomgubo. Wawugalela embizeni, wathi, Baphakele abantu, badle; akwabakho nto imbi embizeni.
42 Kwavela indoda eBhahali-shalisha, yamzisela umfo wakwaThixo ukudla okutsha: izonka zerhasi ezimashumi mabini, namakhweba engxoweni yakhe.
43 Wathi, Nika abantu, badle. Wathi umlungiseleli wakhe, Ndothini na ukukubeka oku phambi kwekhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu, badle; ngokuba útsho uYehova ukuthi, Baya kudla, bade bakushiye.
44 Wabeka ke phambi kwabo; badla bakushiya, ngokwelizwi likaYehova.