19 Noko uYehova ebengavumi ukulonakalisa elakwaYuda, ngenxa kaDavide umkhozi wakhe; njengoko wathethayo kuye, wathi wómnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.
20 Ngemihla yakhe akreqa amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, azenzela ukumkani.
21 Wagqitha uYehoram, waya eTsahira, eneenqwelo zonke zokulwa. Wavuka ebusuku, wawaxabela amaEdom awayemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa; basaba abantu, baya ezintenteni zabo.
22 Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena kwangelo xesha.
23 Ezinye izinto zikaYoram, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
24 UYoram walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide, uAhaziya unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
25 Ngomnyaka weshumi elinesibini kaYoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wamaSirayeli, waba ngukumkani uAhaziya, unyana kaYehoram ukumkani wamaYuda.