6 Wayibuza ukumkani intokazi leyo; yamxelela. Ukumkani wayinika umbusi othile, wathi, Yibuyisele zonke izinto zayo, nokutya konke kwentsimi yayo, kuthabathela kwimini eyemka ngayo kweli lizwe, kuzise nakweli xesha langoku.
7 Weza uElisha eDamasko. UBhenhadade, ukumkani wakwa-Aram,* waye esifa. Kwathiwa kuye, Umfo wakwaThixo ufikile apha.
8 Wathi ukumkani lowo kuHazayeli, Phatha umnikelo ngesandla sakho, uye kumkhawulela umfo wakwaThixo lowo, ubuzise kuYehova ngaye, uthi, Ndiya kuphila na kwesi sifo?
9 UHazayeli waya kumkhawulela, waphatha umnikelo ngesandla sakhe, nento yonke elungileyo yaseDamasko, imithwalo yeenkamela ezimashumi mané. Waya, wema phambi kwakhe, wathi, Unyana wakho uBhenhadade, ukumkani wakwa-Aram, undithumele kuwe, esithi, Ndiya kuphila na kwesi sifo ndinaso?
10 Wathi uElisha kuye, Hamba uye kuthi, Ungáphila; koko uYehova undibonisile ukuba, inene, uya kufa.
11 Wamkhangela, wamthi ntsho, wada waneentloni; walila umfo wakwaThixo.
12 Wathi uHazayeli, Ililelani na inkosi yam? Wathi, Kungokuba ndibazi ububi oya kubenza koonyana bakaSirayeli; ùya kuzitshisa ngomlilo iinqaba zabo, uwabulale amadodana abo ngekrele, ubatyumze abantwana babo, ubaqangqulule abafazi babo abamithiyo.