20 Wathi uAbhisalom umnakwabo kuye, Ubenawe na uAmnon umnakwenu? Kaloku, dade wethu, hlala uthi tu, ngumnakwenu. Musa ukuyibekela ntliziyo le nto. Wahlala ke uTamare, wasisishwayimbana endlwini ka-Abhisalom umnakwabo.
21 Waziva ukumkani uDavide zonke ezo nto, wavutha ngumsindo kunene.
22 Akathetha nelibi nelilungileyo uAbhisalom kuAmnon; ngokuba uAbhisalom wamthiya uAmnon, ngale nto yokuba emdlwengule uTamare udade wabo.
23 Kwathi, emva kweminyaka emibini, kwabakho abachebi kuAbhisalom eBhahali-hatsore kwaEfrayim. UAbhisalom wamema bonke oonyana bokumkani.
24 Weza uAbhisalom, wathi kukumkani, Uyabona, naba abachebi kumkhonzi wakho; ukumkani nabakhonzi bakhe mabahambe nomkhonzi wakho.
25 Ukumkani wathi kuAbhisalom, Musa, nyana wam; masingayi sonke sibe ngumthwalo kuwe. Wamzama; akavuma ukuya, kodwa wamsikelela.
26 Wathi uAbhisalom, Ukuba akuyi wena, makakhe ahambe nathi uAmnon, umkhuluwa wam. Wathi ukumkani kuye, Ahambeleni na nawe?