29 Yomelelani nibe ngamakroti. Enza ke amadodana ka-Abhisalom kuAmnon njengoko uAbhisalom abewawisele umthetho. Besuka ke bonke oonyana bokumkani; walowo wakhwela kundlebende wakhe, basaba.
30 Kwathi, besesendleleni, zafika iindaba kuDavide, zisithi, UAbhisalom ubabulele bonke oonyana bokumkani, akwasala namnye.
31 Wesuka ukumkani, wazikrazula iingubo zakhe, waqungquluza emhlabeni; bonke abakhonzi bakhe bemi ngakuye, bezikrazule iingubo zabo.
32 Waphendula uYonadabhi, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide, wathi, Mayingàthi inkosi yam abulewe onke amadodana angoonyana bokumkani; ngokuba kufe uAmnon yedwa; ngokuba yagqitywa le nto ngumlomo ka-Abhisalom, kususela kwalaa mini wamdlwengula ngayo uTamare, udade wabo.
33 Ke ngoko, nkosi yam kumkani, ungàlibekeli ntliziyo eli lizwi lithi, bonke oonyana bokumkani bafile. Akunjalo; nguAmnon yedwa ofileyo.
34 Wabaleka uAbhisalom.Ke kaloku umfana ongumlindi waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza into eninzi yabantu, ngendlela esecaleni lentaba, bevela ngasentshonalanga.
35 Wathi uYonadabhi kukumkani, Naba oonyana bokumkani besiza; njengoko belinjalo ilizwi lomkhonzi wakho, kwenzeké ngokunjalo.