17 Wathi, Makube lee kum, Yehova, ukwenza oko. Asiligazi na eli lamadoda ahambé encamé imiphefumlo yawo? Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
18 Ke uAbhishayi, umninawa kaYowabhi, unyana kaTseruya, yena ube eyintloko yabaphathi-mikhosi; wathi rhuthu intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu amathathu abahlatywáyo. Wayenegama ke kwabo bathathu.
19 Wayezukile okunene ngaphezu kwamashumi amathathu lawo, waba ngumthetheli wawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu.
20 Ke uBhenaya unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti, ozenzo zininzi, waseKabhetseli, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama equleni phakathi, mini ngekhephu.
21 Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga; umYiputa lowo wayephethe intshuntshe. Wehla, waya kuye enentonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala ngentshuntshe yakhe.
22 Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYehoyada; waba negama ke kumagorha lawo mathathu.
23 Ubezukile kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu. UDavide wammisa ephakathini lakhe.