4 Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga,Njengentsasa engenamafu,Lakusa ibisína,Lwakuphuma uhlaza endle.
5 Kuba ayinjalo yini na indlu yam kuThixo?Kuba undenzele umnqophiso ongunaphakade,Walungiswa ngeento zonke, wagcinwa;Kuba ukusindiswa kwam konke, nokunqwena kwam konke,Akayi kukuhlumisa yini na?
6 Ke amatshijolo onke ephela anjengemithana enameva ecukulwayo,Kuba ingenakuthatyathwa ngesandla.Umntu ukuyiphatha
7 Umntu ukuyiphathaUzalisa isandla ngentsimbi noluthi lwentshuntshe,Itshiswe itshe ngumlilo kwalapho ikhona.
8 Ngawo la amagama amagorha kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon, obeyintloko yabaphathimikhosi; yena watyityimbisa intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu asibhozo awahlatywa ngesihlandlo esinye.
9 Nganeno kwakhe nguElazare, unyana kaDodayi, unyana womAhowa, obelelinye kumagorha lawo mathathu abenoDavide ekuwangcikiveni kwawo amaFilisti, abebuthelene khona emfazweni, akubon' ukuba anyukile amadoda akwaSirayeli:
10 yena wesuka wawabulala amaFilisti, sada sadinwa isandla sakhe, somela ekreleni isandla sakhe; wenza ke uYehova usindiso olukhulu ngaloo mini; babuya abantu bamlandela, banela ukuthimba kuphela.