9 UDavide wahlala emboniselweni, wayibiza ngokuthi ngumzi kaDavide. UDavide wákha ngeenxa zonke, wathabathela eMilo wesa phakathi.
10 Waya uDavide eba mkhulu ngokuba mkhulu, uYehova uThixo wemikhosi waba naye.
11 Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathumela abathunywa kuDavide, nemisedare,* neengcibi zemithi, neengcibi zamatye eendonga; zamakhela uDavide indlu.
12 Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile wangukumkani; ukuba ubuphakamisile ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.
13 UDavide wabuya wazeka abafazi namashweshwe eYerusalem, emveni kokusuka kwakhe eHebron; wabuya wazalelwa oonyana neentombi uDavide.
14 Ngawo la amagama abo wabazalelwáyo eYerusalem: nguShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,
15 noIbhehare, noElishuwa, noNefege, noYafiya,