14 Waye uDavide esina ngamandla onke phambi koYehova, uDavide ebhinqe iefodi* yelinen emhlophe.
15 OoDavide nendlu yonke kaSirayeli babeyinyusa ke ityeya kaYehova, beduma, behlokomisa isigodlo.
16 Kwathi, yakufika ityeya kaYehova emzini kaDavide, uMikali, intombi kaSawule, wavela ngefestile, wambona ukumkani uDavide exhuma esina phambi koYehova, wamcekisa entliziyweni yakhe.
17 Bayingenisa ityeya kaYehova, bayimisa endaweni yayo phakathi kwentente, abeyitwabululele yona uDavide; uDavide wenyusa amadini anyukayo phambi koYehova, nemibingelelo yoxolo.
18 Wagqiba uDavide ukunyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu, egameni likaYehova wemikhosi, wababèla bonke abantu,
19 yonke ingxokolo yamaSirayeli, kwathabathela kwindoda kwesa nakumfazi; elowo wamnika umqhathane wesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi. Baya ke bonke abantu elowo endlwini yakhe.
20 Wabuya uDavide, eza kusikelela indlu yakhe. Waphuma uMikali intombi kaSawule, eya kukhawulela uDavide, wathi, Hayi, ukuzizukisa kokumkani wamaSirayeli namhla, ozihlubileyo namhla phambi kwabakhonzazana babakhonzi bakhe, njengoko azihlubayo umntu ongenabuntu.